UBUME BOTSHINTSHO LWEBHODI YOKUNKCENKCESHELA
YOMGAQO-SISEKO...
WOMBUTHO WOKUSETYENZISWA KWAMANZI
IGAMA LOMBUTHO
Igama lomButho yi- ... Umbutho wokuSetyenziswa kwaManzi (emva koko ibhekiselele "njengombutho").
UKUSETYENZISWA KOMTHETHO WAMANZI WESIZWE KA-1998 KUMGAQO-SISEKO
Lo mgaqo-siseko ubhekiselele kumalungiselelo omThetho waManzi weSizwe, 1998 (UmThetho 36 ka-1998), ngenxa yoko ubhekiselele njengomThetho, kwaye ngakumbi kwisahluko 8 ngaphaya koko, nakwiShedyuli 4 kumThetho njengoko ulungiswa amaxesha ngamaxesha ngumPhathiswa wemiCimbi yaManzi namaHlathi, emveni koko ibhekiselele kumPhathiswa, nebonakala njengeSihlomelo 1 kumGaqo-siseko.
IINJONGO NENDAWO YOKUSEBENZELA YOMBUTHO
Iinjongo zombutho kuku- ... (chaza ngokufutshane izizathu zobukho bombutho).
Indawo yokusebenzela yomButho ...
Jonga imihlathi 5.4.4.3 ukuya ku-5.4.4.6 yesiKhokelo kuTshintsho lweeBhodi zokuNkcenkceshela nakwiBhodi ezithile ukuya kwimiButho yokuSetyenziswa kwaManzi, emveni koko ibhekiselele njengeziKhokelo.
Ibandakanya oku kulandelayo: Ingcaciso yentsusa iza kulawulwa
Amanzi angaphantsi komhlaba: ingcaciso yendawo enamatye ngaphantsi komphezulu womhlaba efunxa negcina amanzi
Imida yasemNtla, eMpuma, eMzantsi naseNtshona
Izithili zooMantyi, indawo yolawulo lwamanzi nephondo
Amagunya okusetyenziswa kwamanzi malunga nesibonelelo samanzi ekufuneka silawuliwe
IMISEBENZI EYINTLOKO YOMBUTHO
Imisebenzi eyintloko ekufanele yenziwe ngumButho endaweni yawo yokusebenza yile -
Ukunqanda amanzi avela kuso nasiphina isibonelelo samanzi esichithekayo.
Ukukhusela izibonelelo zamanzi nemizi ekuxhonyekekwe kuyo ukufumana-amanzi.
Ukunqanda nakuphina ukusetyenziswa kwamanzi ngokungekho mthethweni.
Ukushenxisa okanye ukucwangcisa ukushenxisa nasiphina isithintelo esingekho mthethweni esibekwe emlanjeni okanye kumzi ekuxhomekeke kuwo ukufumana-amanzi.
Ukunqanda naso nasiphina isenzo esingekho mthethweni esilindelekileyo ukunciphisa ubulunga bamanzi kuso nasiphi isibonelelo samanzi .
Ukusebenzisa ukongamela jikelele ngaphezulu kwezibonelelo zamanzi nomzi ekuxhomekeke kuwo ukufumana-amanzi.
Ukulawula uqukuqelo lwawo nawuphina umlambo okanye umzi ekuxhomekeke kuwo ukufumana-amanzi ngoku-
nciphisa ingozi yomonakalo emhlabeni ngesehlo sezikhukula;
tshintsha umlambo ubuyele kwindlela yawo yokuqala apho ibitshintshwe khona ngenxa yezizathu zendalo.
Ukuphengulula nokurekhoda -
Ubuninzi bamanzi kumanqanaba ohlukeneyo okuqukuqela emlanjeni okanye kumzi ekuxhomekeke kuwo ukufumana-amanzi;
Amaxesha okuba anopkusetyenziswa nini; kunye
Neendawo apho amanzi anokusetyenziswa nguye nawuphina umntu onelungelo lokusebenzisa amanzi avela kwisibonelelo samanzi okanye kumzi ekuxhomekeke kuwo ukufumana-amanzi.
Ukwakha, ukuthenga okanye ngenye indlela fumana, lawula, sebenza kwaye ugcine imizi exhomekeke kuwo ukufumana-amanzi ethathelwe kungqalelo yokuba ayafuneka -
ukomisa umhlaba; kwaye ukubonelela ngamanzi emhlabeni ukulungiselela ukunkcenkceshela okanye ezinye iinjongo.
Ukongamela nokulawula ukusasazwa nokusetyenziswa kwamanzi avela kwizibonelelo zamanzi ngokwamanzi afaneleke ukusetyenziswa ngokwamalungelo, ngokuthe nkqo nangokugcina amacebo avunyiweyo, okanye ngokucela amalungu ukuba athi ngqo kwaye agcine amacebo anjalo ngokunokokwawo, ukwenzela -
ukulinganisa nokwahlulahlula; okanye ukulawula kokuphambuka kokuqukuqela kwamanzi.
Ukuxhoma okanye ukunciphisa ukusasazeka kwamanzi avela kumzi oxhomekeke kuwo ukufumana-amanzi kwaye/ okanye isibonelelo ngamanzi ngaphantsi kolawulo lwaso malunga nanjengoko ifuneka ukulungiselela ukwenza nawo nayiphi imisebenzi okanye ukulungiselela izizathu ezifunekayo malunga nemisebenzi eyiyo nokhuseleko lomzi ekuxhomekeke kuwo ufumaniso-manzi okanye isibonelelo.
IMISEBENZI ENCEDISAYO YOMBUTHO
Umbutho ungenza imisebenzi kunokuba wenze imisebenzi yayo eyintloko kuphela ukuba ayifanelekanga -
a ukunyina isikhundla sombutho ukuba wenze imisebenzi yayo eyintloko; kwaye b ukuba nakho kumonakalo wemali wayo ngokunokwawo okanye amalungu awo.
Eminye imisebenzi yombutho ingabandakanya -
a iinkonzo ezinikezelwayo zolawulo, uqeqesho nezinye iinkonzo zokuxhasa ku -
maziko eenkonzo zamanzi: na kumabandla asezilalini b ukunikezela ngeenkonzo zokulawula ingingqi eqokelela amanzi emvula ku okanye ngenxa yamagunya athembekileyo .
Amalungu asekileyo ombutho ngamalungu akhoyo awonyuliweyo ... eBhodi, njengoko ebhengeziwe kwisihlomelo 2 somgaqo-siseko, apho iBhodi funeka itshintshelwe kumButho wokuSetyenziswa kwaManzi ngokwecandelo 98 lomThetho nelimalungu alo agunyazisa amalungu eBhodi onyuliweyo ukuba enze egameni lawo ukulungiselela iinjongo zokuphumeza utshintsho.
Amalungu asekileyo malunga neenjongo zokucwangcisa unyulo lokuqala lwamalungu eKomiti eLawulayo aza kuthathelwa ingqalelo ukuba abe yiKomiti eLawulayo yomButho enamandla nemisebenzi enyiniweyo ekucwangciseni unyulo ngokungqinelana nalomgaqo-siseko.
UBULUNGU BOMBUTHO
Nawuphina umntu, ngokwecandelo 22 lomThetho, ngaphandle kwecandelwana (a)(i) emva koko, inelungelo lokusebenzisa amanzi nonako ukusebenzisa ilungelo elivela kumzi oxhomekeke kuwo ufumaniso-manzi kwaye / okanye izibonelelo eziphantsi kolawulo lomButho, angaba lilungu lomButho.
Amalungu okuqala omButho, amagama awo avela kwisiHlomelo 3 salo mgaqo-siseko, ezingezi:
a Amalungu akhoyo ... eBhodi angamalungu azenzekelayo omButho; kunye b Abanye abantu ngaphakathi kwindawo yokusebenzela emButhweni nelungelo elikhoyo elisemthethweni lokusebenzisa amanzi nabacele iKomiti eLawulayo ngokubhala ukuba babe ngamalungu omButho nabazicelo zabo zivunyiweyo.
Isicelo sobulungu ebutsha somButho fanele sicaciswe kwiKomiti eLawulayo efaneleyo entlanganisweni yeKomiti ithathela ingqalelo isicelo nokuvunywa kwaso ngaphandleni okokuba kunesizathu esibalulekileyo sokuba saliwe.
Umbutho fanele uvumele umntu ukuba abe lilungu lomButho ukuba ngumyalelo womPhathiswa lowo.
Ilungu linganikela kuphela njengelungu lomButho ngemvume yeKomiti eLawulayo, enganakuyibamba ngaphandle kwesizathu imvume yayo.
Ubulungu bomButho buyapheliswa xa ilungelo lelungu emanzini libuya umva..
UKUBHALISWA KWAMALUNGU
Onke amalungu fanele axele iidilesi zawo amaxesha ngamaxesha emntwini obambeleyo njengonobhala womButho, uMntu ofanele ukugcina irejista yamagama amalungu kwaneedilesi zabo..
AMALUNGELO AMALUNGU
Ubulungu bomButho abuniki naliphina ilingu ilungelo kuyo nayiphina imali, ipropati okanye izinto umntu anazo ezinokuthengiselwa ukuhlawulwa kwamatyala akhe omButho, kodwa bunika kuphela amalungu amalungelo athile obulungu, ngokubhekiselele kwizityholo ezinjalo nakwizizathu ezinyiniweyo njengoko zinokubekwa yiKomiti eLawulayo amaxesha ngamaxesha.
Ilungu lombutho libotshelelwe ngumgaqo-siseko nangumthetho wombutho njengoko ulungiswa amaxesha ngamaxesha.
IIMFANELO ZAMALUNGU NAMALUNGELO AWO
Imfanelo yemali yamalungu inyiniwe kangangomlinganiselo wamatyala angabhatalwanga kwaye inzala yayo etyalwa ngabo emButhweni, kodwa ngenxa yokukhathalela kumalungiselelo ecandelo 60 lomThetho ngokunxulumene namatyala abalaseleyo malunga nomhlaba.
Apho kukhona umzi ekuxhomekeke kuwo ukufumana-amanzi lombutho ungena ngaphezulu okanye unqamleza ipropati yalo naliphina ilungu, umButho uya kuwonwabela amalungelo awo ayimfuneko ukulungiselela ukusetyenziswa okukuko kwemisebenzi yomButho namalungiselelo omThetho, ingakumbi amacandelo 126, 127 no-128 emva koko aza kusebenza.
ILUNGELO LABAGQATSWA LOBULUNGU BEKOMITI ELAWULAYO
Naliphina ilungu lombutho lixhomekeke kwizithintelo ezicingwayo uludwe lwenkqubo 4 emThethweni, kwaye ukuba ilungu alikho ngaphezulu kweentsuku eziyi-180 kumatyala angekahlawulwa nezimangalo, kubandakanya nenzala ngenxa yombutho, linokonyulwa ukulungiselela unyulo njengelungu leKomiti eLawulayo. Ilungu linokonyulwa kuphela ukulungiselela unyulo njengelungu leKomiti eLawulayo ukulungiselela indawana apho ilungu lihlala khona, okanye phakathi apho amanzi asetyenziswayo anelungelo kuwo esetyenziswa nguye okanye yena.
UKUMISWA NOVOTO LWAMALUNGU EKOMITI ELAWULAYO
Nawuphina umntu ogama lakhe likhona kuluhlu lokuvota lombutho kwaye ongena ntsuku zingaphezulu kwe-180 kumatyala angekahlawulwa nezimangalo ezibandakanya inzala ngenxa yombutho, angamisela umgqatswa ukuba onyulwe njengelungu leKomiti eLawulayo kwaye angavota kunyulo lwamalungu eKomiti. Umntu ogama lakhe livela kuluhlu lokuvota elilungiselelwe indawana yomda wombutho apho usebenza khona, iza kuba nelungelo lokumisela abagqatswa nokuvota kuphela kulonyulo lwaloo ndawana.
UBULUNGU BEKOMITI ELAWULAYO
Ikomiti eLawulayo yombutho iza kuba -namalungu.
OKANYE
Ikomiti eLawulayo yendawo yokusebenzela yombutho xa uwonke ina -
a ... bantu abonyulwe njengamalungu eKomiti eLawulayo ngabavoti kuluhlu lwabavoti bendawana 1 njengoko ibonakalisiwe kwisiHlomelo salo mgaqo-siseko;
b ... bantu abonyuliweyo ngabavoti kuluhlu lwabavoti bendawana yoluhlu 2 njengoko ibonakalisiwe kwisiHlomelo salo mgaqo-siseko;
c ... bantu abaza kumiselwa ngabantu abathile ababodwa abasebenzisa amanzi kodwa angathi ngenxa yoluhlu 7 lwamalungu omgaqo-siseko wombutho;
d ... bantu abaza kumiselwa ngamafama amancinane asakhulayo angathi ngenxa yoluhlu 7 lwamalungu omgaqo-siseko wombutho; kwaye e ... bantu abaza kumiselwa ngamaGunya asekuHlaleni ngomdla wokunikezelwa kwamanzi ngumbutho, ngaphandleni kokuba ukuba amalungu onyuliweyo eendawana anokumangalelwa yiKomiti eLawulayo enemisebenzi ethile enxulumene nokuthathwa kwamanzi ngaphakathi kwindawo ezifanelekileyo zeendawana kwaye ngenxa yaloo msebenzi walo njongo njengeKomiti eLawulayo ukulungiselela loo ndawana nelungelo lokwamkela njengelungu naye naliphina ilungu kwiKomiti eLawulayo yombutho xa iyonke fanele ibonakalise imidla yayo ukuba isesichengeni.
Ukumiswa ekubhekiselelwe kuko kuluhlu 13.1(c) no-(d) ngasentla, ukuba iqela elinomdla likhetha oko, lingandulelwa lunyulo lwangaphakathi.
Amalungu ekubhekiselwe kuwo kuluhlu 13.1 (a) no-(b), ngokuphathelelene nokuthintelwa kuluhlu 11 lomGaqo-siseko, onyulelwa ixesha elithile leminyaka emithathu, ngaphandleni okokuba kunyulo lokuqala lwamalungu eKomiti eLawulayo yombutho amaxesha amalungu amiswe luninzi kwimeko zokuba-
a isinye esithathwini samalungu silungiselela ixesha leminyaka emithathu;
b isinye esithathwini samalungu silungiselela ixesha leminyaka emibini; kwaye c ukulingana kwamalungu elungiselela ixesha elingangonyaka omnye .
Amaxesha elungu elimiselweyo ekubhekiselelwe kulo ku-
a luhlu 13.1c lomGaqo-siseko lolwexesha lonyaka omnye, luxhomekeke ekumisweni ukulungiselela amanye amaxesha ezayo onyaka omnye anyiniweyo ukuya kubuninzi bamaxesha amathathu elandelelana; kwaye b luhlu 13.1.d lomGaqo-siseko lolwexesha lonyaka omnye, luxhomekeke ekumisweniukulungiselela amanye amaxesha ezayo onyaka omnye ngamnye.
Ukuba isithuba kwiKomiti eLawulayo siyadaleka, isithuba fanele sizaliswe ngokoluluhlu, ngandleni okokuba ilungu fanele lonyulwe okanye, apho kufanelekileyo, lonyulwe isithuba esilinganayo nesithuba esishiyeke kwixesha apho ilungu elishenxileyo e-ofisini fanele ngenye indlela libe belinokuqhubekeka e-ofisini.
Kangangeentsuku eziyi-30 ubuncinane besaziso sonyulo olufanele ukunikezelwa kuwo onke amalungu ombutho axhalabileyo.
Onke amalungu eKomiti eLawulayo anokuthabatha inxaxheba ngokugcweleyo malunga nezigqibo kwimicimbi yolawulo lwamanzi nasezimali zokubhatala ngaphaya koko. Ukanti, ngamalungu kuphela anomdla kwimizi ekuxhomekeke kuwo ufumaniso-manzi oluthile abanokuthabatha inxaxheba bavote malunga nesigqibo esifanelekileyo kuloo mizi ekuxhomekeke kuwo ufumaniso-manzi. UmGcini sihlalo weKomiti eLawulayo uzakugqiba ukuba ilungu linalo na ilungelo lokuvota malunga nomcimbi othile.
Abazibophelela nombutho kwimfuno eboniswe kwicandelo 2 lomThetho malunga nokuqinisekisa uluntu olufanelekileyo, nomelo lohlanga nesini kwaye bezibophelela ekukhuthazeni uzalisekiso emveni koko ngenxa yokuba umbutho unako ngoncedo ukwenza oko.
Ukuba, emva konyulo okanye kwenkqubo yomiselo, ukwakheka kweKomiti yoLawulo ekubhekiselelwe kuyo ku-13.1, ibangela ukuba kungabikho lumelo lwesini esithile okanye uhlanga eKomitini, umGcini-sihlalo fanele acele onke amalungu ombutho nawamaqela anomdla ekubhekiselelwe kuwo ku-13.1(c) kwintsuku eziyi-21 emva kwesaziso, amisele abantu besosini okanye uhlanga abavumileyo ekwenzeni oko nabangafuni kuba ngamalungu ombutho okanye wabasebenzisi bamanzi, ukusebenzela iKomiti eLawulayo yombutho ngaphandleni okokuba banomdla ekusebenziseni amanzi emdeni. UmGcini-sihlalo fanele emva kokuphela kwexesha lonyulo lomiselo ngabaninzi, omnye wabantu abamiselweyo eloxesha lonyaka omnye.
UKONYULWA KOMGCINI-SIHLALO NESEKELA MGCINI-SIHLALO
Emva konyulo leKomiti eLawulayo amalungu aloo Komiti fanele onyule umgcini-sihlalo nosekela mgcini-sihlalo wombutho apha phakathi kwamalungu awo. IKomiti eLawulayo ingonyula nawuphina umntu ukuba abengusihlalo wezonkqubo ukuphumeza loo njongo
OKANYE
UmGcini-sihlalo nosekela mgcini-sihlalo baba se-ofisini ixesha elingangenyanga eziyi-12 ukusukela ngomhla wonyulo lwabo kwaye bangaphinda bonyulwe kwakhona.
Xa ixesha le-ofisi likamgcini-sihlalo nosekela mgcini-sihlalo lifikelela esiphelweni, loo mntu uza kuhlala e-ofisini de kube yintlanganiso ezayo yeKomiti eLawulayo ngaphandleni okokuba uhlala elilungu lombutho.
. Umgcini-sihlalo omtsha nosekela mgcini-sihlalo weKomiti eLawulayo bazokonyulwa rhoqo minyaka le. Ukuba enye yezi ofisi ingangabinamntu ngaphambi kokuphela kwexesha, i-ofisi fanele izaliswe ngokukhawuleza ngokwenkqubo ethiwe thaca apha.
ULUHLU LWABAVOTI
Amalungu aseka lombutho fanele onyule umntu ukulungiselela uluhlu lwabavoti lonyulo lokuqala lamalungu eKomiti eLawulayo. Uluhlu lwaabavoti fanele lubonise-
a amagama awo onke amalungu abandakanyiweyo kwisiHlomelo 2 kulomgaqo-siseko kwaye nalapho kufanelekileyo, igama lelungu lommeli owamkelweyo;
b iinkcukacha zelungu ngalinye zelungelo ekusebenziseni amanzi; kwaye c inani leevoti ilungu elinelungelo lazo
Inani leevoti liza kumiswa kwesisiseko silandelayo -
Ivoti enye kwilungelo ngalinye ekusebenziseni amanzi.
OKANYE
Ulwalamano lwenani leevoti ngokwalameneyo kubuninzi bamanzi agunyazisiweyo ngaphantsi kwelungelo elithile, xa uthelekisa nobuninzi bamanzi xa bubonke ngaphantsi kwawo onke amalungelo abhaliswe nombutho. Kolu balo onke amaqhezu fanele aphethelwe kwinani elingaphezulu elilandelayo.
OKANYE
Ulwalamano lwenani leevoti ngokwalameneyo kubuninzi bamanzi agunyazisiweyo ngaphantsi kwelungelo elithile xa uthelekisa nobuninzi bamanzi xa bubonke ngaphantsi kwawo onke amalungelo abhaliswe nombutho. Kolu balo -
i onke amaqhezu fanele aphethelwe kwinani elingaphezulu elilandelayo; kwaye ii akukho lungu liya kuvuzwa ngaphezu kweevoti eziyi-10.
OKANYE
Ivoti enye kwiihektare ezintlanu zonke okanye indawo yeehektare ezintlanu zomhlaba onokunkcenkceshelwa ngokwamalungelo amalungu..
OKANYE
Ivoti enye kwiihektare ezintlanu zonke okanye indawo yeehektare ezintlanu zomhlaba onokunkcenkceshelwa ngokwamalungelo amalungu, ngaphandleniokokuba akukho lungu liya kuvuzwa ngaphezu kweevoti eziyi-10.
Ukuba amalungelo okusebenzisa amanzi awakho gameni lomntu wendalo, umnikazi fanele amisele ummeli owamkelweyo ogama lakhe fanele livele kuluhlu lwabavoti onokuziqhelisa ukuvota.
Ukuba ilungelo lsegameni labantu ababini okanye ngaphezulu, fanele bonyule abenmye wenani labo ukubamela kwaye igama lalo mntu fanele livele kuluhlu lwabavoti kwaye uza kuziqhelanisa nokuvota.
IKomiti eLawulayo fanele ngonyaka iqwalasele kwakhona uluhlu lwabavoti kwaye naphina kukho isilungiso kumda wokusebenza wombutho .
UKONYULWA KWABASEBENZI
IKomiti eLawulayo ingaqesha abantu abanjalo njengoko icinga ukuba kuyimfuneko ukwenza imisebenzi yombutho ngaphantsi kwalo mgaqo-siseko..
Ukonyulwa kwabasebenzi okanye naluphina utshintsho kwiimeko zabo zokusebenza fanele zivunywe zizigqibo zeKomiti eLawulayo.
Bonke abasebenzi bombutho bazakushiyeka e-ofisini nangona naluphina utshintsho kulakhiwo nakubulungu leKomiti eLawulayo.
IWUA iza kuchaza uguqulo lwemisebenzi yababonisi kuyilo lwabo leshishini. Iziphumo zendawo ezithile ezingundoqo ziza kubandakanya umelo kulakhiwo lwekomiti elawulayo nasekonyulweni kwabasebenzi.
IWUA izimisele ukuvumelana nayo, phakathi kwezinye, uwiso-mithetho yengqesho efanelekileyo (okanye izilungiso), apho kuyimfuneko:
IWUA iyavuma ukuphinda ilungise ukungalingani kwexesha elidlulileyo ngokunciphisa ukungabinabulungisa ngokunxulumene nonikezelo lwamanzi ngokwecandelo 25 womThetho waManzi weSizwe, 1998.
IKomiti eLawulayo inganyusa ngendlela zeembolekiso, kubandakanya nemali ekhutshwe ebhankini engaphezulu kwemali eyafakwayo ebhankini, nayiphi na imali efunwa yiyo ngenjongo yokuhlangabezana nayo nayiphi imisebenzi engaphantsi kwalo mgaqo-siseko okanye umThetho..
Naninina iKomiti eLawulayo iceba ukunyusa imbolekiso, fanele inike isaziso ngokubhaliweyo yeenjongo zayo, ixela iinkcukacha zesindululo . Isaziso fanele sinikezelwe kuwo onke amalungu ombutho hayi ngaphantsi kwentsuku eziyi-21 ngaphambi komhla wentlanganiso yeKomiti apho isindululo siyakucingelwa. Intlanganiso jikelele eyodwa, apho amalungu xa ewonke amenyiweyo, kwimeko enjalo fanele ahlangane ukuvavanya iimbono zamalungu.
Akukho mbolekiso inokunyuswa ngaphandle kwesisombululo seKomiti eLawulayo esipasiswe kwintlanganiso apho kungekho ngaphantsi kwesibini esithathwini samalungu eKomiti akhoyo. Le ntlanganiso yeKomiti eLawulayo ingathabatha inxaxheba kuphela emva kwelixesha lichazwe ngasentla sentlanganiso jikelele eyodwa.
IZIMANGALO NOKUFUNYANWA KWAKHONA KWEZIMANGALO
Ukulungiselela injongo yokuhlawula nayiphina inkcitha tokuba iKomiti eLawulayo ngokusemthethweni izenzele amatyala ngokwenza imisebenzi yayo nemisebenzi enokumisa ngonyaka izimangalo kumalungu ngokokuyila ixabiso losetyenziso lwamanzi elimiselwe ngumPhathiswa.. Ukumisa ixabiso fanele luthathele ingqalelo uqingqo-mali olulungisiweyo yiKomiti eLawulayo ayo nayiphina indawana ukuquka ukusetyenziswa, ukugcinw anokwenziwa ngcono kweemfuno malunga nomzi ekuxhomekeke kuwo ufumaniso-manzi oluphathwa nolulawulwa yila Komiti .
IKomiti eLawulayo ingafumana kwakhona izimangalo ezimiselwe ixabiso nakweyiphi -
a abaninni mhlaba abanokhathalelo; okanye b nawuphina umntu apho amanzi anikezelwa khona emhlabeni.
Naninina iKomiti eLawulayo imisela isimangalo, iKomiti fanele ilungise ukumisa ixabiso lomqulu osetwe ngaphambili-
a igama lelungu ngalinye ngokomthetho linemfanelo yokuhlawula izimangalo;
b inkcazelo yesuntswana lomhlaba elinokuba yindawo eboniswa ngokuzoba okukodwa malunga nalapho isimangalo simiselwe khona;
c uubuninzi bamanzi okanye ixesha lokuthatyathwa kwexesha apho ilungu linelungelo;
d umlinganiselo wesimangalo esimisiweyo;
e umhla okanye imihla apho intlawulo ililungelo nesambuku sorhumo ekufanele singene ngosuku ngalunye; kwaye f isantya senzala ebhatalwayo kwintlawulo ezingekhoyo nosuku olusebenzayo lwenzala.
Ikopi yoluhlu lokumisa ixabiso fanele ihlaliswe ivuliwe ukulungiselela ukuhlolwa e-ofisini yombutho ngawo onke amaxesha afanelekileyo lilo naliphi ilungu lombutho.
Ukuba kusemveni kwesaziso esifanelekileyo, nasiphi isimangalo kubandakanywailungelo lenzala yombutho, lingaphezulu kweentsuku eziyi-90 kumatyala angekahlawulwa, umbutho ekongezeni emandleni agunyaziswe kuwo ngokwecandelo 59 womThetho, ngaphandle kwesinye isaziso kwilungu, qokelela umlinganiselo ongenayo ngokukhupha izimemo kwinkundla kaMantyi nolawulo lwezobulungisa endaweni, ngokungakhathaleli umrhumo obandakanyekayo, apho isehlo ilungu liza kuthembeka ukuqokelela yonke kwaye nentlawulo zamatyala, ezibandakanya ezamaqwetha nentlawulo zomxhasi .
INGXELO YONYAKA
Inkqubo njengoko ibekiwe kwiShedyuli 4 kulomThetho isebenza.
OKANYE
IKomiti eLawulayo fanele ngaphakathi kwinyanga ezintathu emva kokuphela konyaka-mali wombutho, ibize intlanganiso jikekelele yamalungu nakweyona ntlanganiso-
a ndulula ixoxwe igxelo yemali ephicothiweyo ye-akhawunti yombutho elungiselelwe unyaka owandulelayo ubndakanya iinkcukacha ezizeleyo zayo nayiphi intlawulo ebhatelweyo ngumbutho kumalungu eKomiti eLawulayo nakubasebenzi bombutho; kwaye b nika ingcaciso kumalungu ngemisebenzi yawo ngexesha lonyaka.
UKUQOSHELISA
Umbutho ungaphela ngesigqibo esigqithiswe yintlanganiso jikelele ebanjelwe loo njongo, ngaphandleokokuba -
a isigqibo sigqithiswe luninzi lwesibini esithathwini samalungu akhoyo nanelungelo lokuvota entlanganisweni; kwaye b isigqibo sivunyiwe kwenye intlananiso jikelele eyodwa ebanjwe hayi ngaphantsi kweveki ezintathu emva kwenkqubo zentlanganiso jikelele eyodwa yivoti yoninzi lwamalungu emva koko.
Intlanganiso egqithisa isigqibo ekubhekiselelwe kuyo ku (i) walomgaqo-siseko nawo ungagqithisa izigqibo ngevoti yesininzi ukulungiselela -
a unyulo lomntu owenza intengiso yempahla zeshishini; kwaye b ulawulo lwemali eyintsalela nezinto umntu anazo ezinokuthengiselwa ukuhlawulwa kwamatyala akhe ombutho emva kokuqoshelisa nasemva kokuhlawula onke amatyala neemfanelo zombutho, ngaphandle okokuba nayiphina intsalela nezinto umntu anazo ezinokuthengiselwa ukuhlawulwa kwamatyala akhe angatshintshelwa kuphela embuthweni okanye kwiziko elinenjongo efanayo nezo zombutho, okanye kumPhathiswa.
OKANYE
Imicimbi yombutho iyakuvuswa ngumntu owonyulwe ngumPhathiswa ngokungqinelana nayo nayiphi imigaqo enikwe ngumPhathiswa, kwaye ngokuphathelelene necandelo 97 lomThetho .
IMBUYEKEZO YOMGAQO-SISEKO
Ngemvume yomPhathiswa, umgaqo-siseko wombutho ungabuyekezwa ngamalungu ombutho ukuba-
a intlanganiso eyodwa yamalungu ingabizelwa le njongo, ivoti ezixhasa imbuyekezo enjalo, ngaphandle okokuba uninzi lobuncinane besibini esithathwini samalungu akhoyo entlanganisweni namele hayi ngaphantsi kwe-20% yamalungu ombutho ngokungqinelana noluhlu lwalo lokugqibela labavoti lufunyenwe;
b isaziso kumalungu sinamazwi ngamazwi aceba imbuyekezo kwaye adluliselwe kumalungu ubuncinane iintsuku eziyi-21 ngaphambili komhla wentlanganiso; and c zimbuyekezo kuphela, kwimbuyekezo ezicetywayo nalapho isaziso esibhaliweyo sinikiwe, sixoxiwe kwaye savotelwa apho kuloo ntlanganiso injalo.
QAPHELA:
Amagama abhalwe ngokukekeleyo asebenza kwindawana
Akrwelelweyo zizongezelo kuMfuziselo womgaqo-siseko nakwiziKhokelo njengoko ziqulathwe kwiSongezo kwiziKhokelo
